| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Inkomfa yembumba yeentsapho yindlela yobulungisa obubuyisela kwisimo esamkelekileyo esetyenziswa ziintsapho noluntu ekuhlaleni ukuzibandakanya ekufikeleleni kwizigqibo ngabantwana abatyholwa ngezenzo zolwaphulo-mthetho. Inkomfa yembumba yeentsapho ijolise kwizisombululo zeempixano ezingumvuka weentshukumo zothetha-thethwano. Yenzelwe ukunyanga ukungabikho mpilweni kobudlelwane phakathi koluntu okudalwa lulwaphulo-mthetho olugqugqisayo.
Le nkomfa yembumba yeentsapho yaqalwa eNew Zealand ngeminyaka yoo-1980 ngexesha leenguqu kubulungisa bolwaphulo-mthetho lwabantu abaselula kwela lizwe. Luhlobo lobulungisa obubuyisela isimilo esamkelekileyo kuluntu ekuhlaleni olwabakho emva kokubonisana noluntu ekuhlaleni, kuquka amaMaori, abahlali besiqithi iPacific, kwanoluntu jikelele lwaseNew Zealand.
Inyathelo lokuqala kukuba umntwana kufuneka alwamkele uxanduva olungunobangela weentshukumo zakhe. Inkomfa yembumba yeentsapho ngokwayo ngumhlangano wabo bonke abantu abadlala indima ebalulekileyo ebomini bomntwana, kwanexhoba nabantu abanika inkxaso kwixhoba elo. Eyona njongo yale nkomfa kukuza nesicwangciso seyona ndlela inokulungisa umonakalo owenziwe ngaba bantwana. Bonke abantu abathabatha inxaxheba kule nkomfa bavumelana ngesiphumo abasilindeleyo. Abathabathi-nxaxheba bangavumelana, umzekelo, ekubeni umntwana lowo kufuneka angxengxeze, okanye abuyise impahla leyo ibiweyo.
Ukwenziwa kwale nkomfa kuthatyathwa njengeyona nto ibalungeleyo abaphuli-mthetho abaselula, nanjengoko ikwavumela ukungenelela kwangexesha kwinto ebinokusele iba kukuzinikela kwimpilo yolwaphulo-mthetho. Abantwana bangenziwa bazive benoxanduva futhi bengenakuyivumela imeko ethile, nto leyo iquka ukubenza bazive behlazekile ziintshukumo zabo, njengoko iingqondo zabo zisathambile futhi nabo besakhula, futhi le nkqubo ibandakanya abantu abasondeleyo kubo abafana nabazali babo kwakunye neentsapho zabo.
I-Australia, iCanada, iUnited States kwakunye ne-United Kingdom zonke sele zingene kuhlobo oluthile lokwenziwa kwenkomfa luluntu njengokululekwa nokugwetywa kwaba baphuli-mthetho.
Apha eMzantsi Afrika, iNICRO yaqala ngokuza nalo mbono wokususwa ngokupheleleyo kwabantwana kwinkqubo yolwaphulo-mthetho eqhutywa ziinkundla zamatyala ngonyaka ka-1992, kusetyenziswa iindlela namabinzana obulungisa bokubuyisela abaphuli-mthetho eluntwini. Ngonyaka ka-1995, iKomiti Yabaphathiswa Engolutsha Olusemngciphekweni yamisela inkomfa esahlalutywayo yembumba yeetsapho ePitoli.
Amanye amaqumrhu aqala eli nyathelo lenkomfa yembumba yeentsapho yiStepping Stones Project yaseBhayi, iziko iDurban Assessment, Reception and Referral Centre, iSebe leeNkonzo Zoluntu, Ubugcisa, iNkcubeko Nemidlalo likaRhulumente wePhondo loMntla Ntshona kwakunye neziko iRestorative Justice Centre.
UMthetho Osayilwayo Ongobulungisa Kubantwana ubonelela ngenyathelo lenkomfa yembumba yeentsapho ukuba libe yindlela enokukhethwa yokugweba. Ngokwemigaqo yalo mthetho usayilwayo inkundla ingaqinisekisa, isuse okanye ilungise isiphakamiso esiphuma kwinkomfa yembumba yeentsapho. Ukuba inkundla ayisiqinisekisi eso siphakamiso, kufuneka ichaze izizathu zoko. Ukuba umntwana uthe akayithobela imiqathango yesiphakamiso njengoko iqinisekisiwe yinkundla, igosa lengqawule kufuneka lazise inkundla, futhi ke isigunyaziso sokubanjwa kuvalelwe umntwana lowo singakhutshwa.