| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Ngenyanga kaCanzibe ngo-2004, uRhulumente woMzantsi Afrika waphehlelela iRetail Bond yakhe entsha. Le ke yingxenye yephulo likarhulumente lokukhuthaza ukonga. IRetail Bond yaseMzanrsi Afrika lutyalo-mali noRhulumente waseMzantsi Afrika efumana inzala eqingqiweyo ngexesha lolo tyalo-mali. Ungatyala nasiphi na isixa esiphakathi kwewaka nesigidi seerandi ngexesha eliyiminyaka emibini, emithathu okanye emihlanu
Kukho intlaninge yeenzuzo ekongheni imali ngokuthi utyale imali yakho kwiRetail Bond yaseMzantsi Afrika: Ukhuseleko
Iimbuyekezo Eziqinisekisiweyo
Akukho mngciphekweni
Ukukulngela
Ukufikeleleka
Ukuchonga Umntu Oza Kufumana le Retail Bond wakungabikho wena
|
IMIYALELO: |
Ukuze ube nokutyala imali kwiRetail Bond yaseMzantsi Afrika, kufuneka:
Xa utyala imali uya kuxelelwa izinga lenzala eliya kuhlala liqingqekile de liphele ixesha lotyalo-mali othi ulukhethe. Ungakhetha ukutyala ixesha eliyiminyaka emibini, emithathu okanye emithathu. Izinga lenzala kutyalo-mali olutsha lubonakala naynga zonke futhi libhengezwa kwiwebsite yeBond yaseMzantsi Afrika. Izinga elisebenzayo xa usenza olu tyalo-mali liya kusebenza de liphele ixesha lotyalo-mali lwakho. Inzala ihlawulwa rhoqo emva kweenyanga ezintandathu ngomhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga yoKwindla nangomhla wamashumi amathathu kwinyanga yoMsintsi, ngqo ebhankini yakho. Ungakhetha ukuyifaka kutyalo-mali lwakho le nzala (oko ke kukuthi, uphinde uyityala nayo). Ngeenzame zokukhusela abatyali-zimali emngciphekweni:
Kufuneka ube:
Ukuba ubudala buphakathi kweshumi elinesibhozo namashumi amabini ananye, uya kudinga nenye yoku kulandelayo:
Ungasifaka isicelo:
Ungayihlawula ibond yakho
Ukuze ufumane okunye ngale Bond, qhagamshelana naba: Usenokutyelela iwebsite yeRetail Bond yaseMzantsi Afrika okanye ke uye kwi-ofisi yeposi ekufutshane nawe ukuze ufumane ezinye iinkcukacha. Le website iqulethe iinkcukacha ngemali-mboleko, ndawonye namazinga enzala. Kukwakho nesixhobo sokubala esifumaneka kwikhomyutha esinokukunceda ubale ukuba liya kuba ngakanani na ixabiso lotyalo-mali lwakho ekupheleni kwexesha eliqingqelwe olo tyalo-mali. |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Icandelo Loonondyebo Besizwe (The Government of South Africa) |