| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
YINTONI IRHAFU YENGENISO? Irhafu Yengeniso yimali esuka kumvuzo wakho oyihlawula kurhulumente, uyihlawulela ukwakhiwa kwemigaqo, izikolo, izibhedlele nokunye. Isixa serhafu oyihlawulayo sixhomekeka:
NGUBANI EKUFUNEKA EBHALISELE IRHAFU YENGENISO
Ungabhalisela ukuhlawula irhafu yengeniso kwi-ofisi yeSARS ngokuthi ugcwalise iphetshana lesicelo i-IT77. Uya kudinga ikopi yencwadana yakho yesazisi ke kwakunye nephetshana eliyi-IRP5. Ukubhalisa kwakho kuya kuqinisekiswa kwisithuba seentsuku ezingama-21 ze emva koko unikwe inombolo yakho yerhafu. iSITE nePAYE Zimbini iintlobo zerhafu ezingundoqo ezitsalwa kumvuzo womqeshwa:
Ukuba ufumana umvuzo ongaphezu kwama-R27 000 ngonyaka, uhlawula Irhafu Isite etsalwa kumvuzo wakho veki okanye nyanga zonke. Umqeshi wakho kufuneka abale ukuba yimalini na ekufuneka itsaliwe. Ukuba ufumana umvuzo ongaphezu kwama-R60 000 ngonyaka, uya kuhlawula irhafu yeSITE kuma-R60 000 okuqala ze uhlawule iPAYE kuyo yonke into engenayo engaphezu kwama-R60 000. Isixa sePAYE osihlawulayo sixhomekeke ekubeni yimalini na umvuzo wakho yaye ibalwa ngokweetafile zerhafu ezinikezelwa liCandelo Leenkonzo Zengeniso yoMzantsi Afrika. AMAPHEPHA OKUBHALISELA IRHAFU Kanye ngonyaka, umqeshi wakho uya kukunika isiqinisekiso sokuhlawula irhafu u-IRP5 esibonisa sonke isixa osifumene njengomvuzo wakho kwakunye nayo yonke irhafu etsaliweyo. Ukuba ufumana umvuzo ongaphezu kwe-R60 000 ngonyaka, kufuneka ugcwalise iphetshana lokubuyiswa kwerhafu ze ulithumele neziqinisekiso zakho ze-IRP 5 kwiSARS. Kufuneka ubhalise kwi-SARS phambi kokuba ugcwalise iphetshana lokubuyiswa kwerhafu. Ukuba sele ubhalisile, iimpepha zakho zokubuyiswa kwerhafu ziya kuthunyelwa kuwe ngeposi. Unakho nokuzilanda iimpepha ezo kwi-ofisi ekufutshane nawe yeSARS. Uya kufumana imiyalelo eneenkcukacha ngokugcwalisa ezi mpepha zokubuyiswa kwerhafu. Usenakho kanti nokufumana ze ungenise amaphepha akho embuyekezo yerhafu nge-internet ngokuthi usebenzise inkqubo yeSARS Yokugcina Iimpepha Kwi-internet. Le nkqubo yeSARS ibizwa ngokuba yi-eFiling ke yinkqubo yokuqhuba inkonzo yokubuyiselwa kweempepha zerhafu. Ungabhalisela ukuyifumana le nkonzo ukuba sele ubhalisile njengommhlawuli werhafu. Uya kudinga inombolo yakho yokuhlawula irhafu kwakunye nenombolo yencwadana yakho yesazisi. Xa ubuyisela iphetshana lokubuyiswa kwerhafu yakho, iSARS iya kujongisisa ukuba uhlawule isixa esaneleyo serhafu na. Ukuba uhlawule ngaphezulu kokuba kufuneka, uya kufumana imbuyekezo. Ukuba uhlawule enganelanga uya kucelwa ukuba uhlawule leyo isaseleyo. Usenakho nokuzilanda ezi mpepha kwi-ofisi ekufutshane nawe yeSARS. Unokohlwaywa okanye ubanjwe ukuba ufunyaniswa unetyala:
|
IMIYALELO: |
Ukuze ube nokufumana ezinye iinkcukacha, tyelela iwebsite yeSARS, utsalele Iziko Elamkela Iminxeba kwiNtshona Kapa kule nombolo 0860 12 12 18 okanye ke uqhagamshelane neyona ofisi yeSARS ikufutshane nawe. |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
iNkonzo Yengeniso yoMzantsi Afrika |