| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Umaspala ngamnye ujongana nezohlwayo zeziphoso zendlela enegunya lokujongana nazo. Kulilungelo lakho ukujonga uqinisekise imifanekiso ekwiikhamera zesantya ze ufake isikhalazo ngaso nasiphi na isohlwayo ongasiqondiyo. |
IMIYALELO: |
ZEZIPHI EZI NTLOBO ZAHLUKENEYO ZEZOHLWAYO ZENDLELA? Lunye okanye zimbini iintlobo zezohlwayo zendlela, nokuba ngowuphi na umthetho wendlela owophulileyo:
INGABA LINGAKANANI IXESHA ENDINOKULITHABATHA NDIHLAWULA ISOHLWAYO SESIPHOSO SENDLELA? iSaziso seCandelo 56 sona sisebenza njengoMyalelo Okhawulezileyo wokuba uvele enkundleni, nto leyo ke ithetha ukuba uneentsuku ezimalunga namashumi amathathu zokuba uhlawule phambi kokuba ityala lakho liye enkundleni. iSaziso seCandelo 341 isaziso ezingaphambi komyalelo wokuba uvele enkundleni, singenguwo sona umyalelo. Ngokwesiqhelo ke ufumana izaziso zibe mbini ngaphambi kokuba kukhutshwe umyalelo wokuba uvele enkundleni, apho ke uya kuba neentsuku ezingamashumi amathathu phambi kokuba uvele enkundleni (okanye ufake isikhalazo ngesi sihlwayo ngembalelwano) ngaphambi kokuba ityala lakho liye kufikelela enkundleni. Lilonke, unamalungula neenyanga ezintathu ngaphambi kokuba uhlawule itikiti lesohlwayo seCandelo 341. Nceda uqwalasele ke ukuba ixesha eliqingqiweyo onalo ekuhlawuleni isohlwayo sakho lahluka ngokomaspala. Jonga itikiti elo ukuba lithi kufuneka usihlawule nini na isohlwayo eso. NDINGASIFAKA NJANI ISIKHALAZO NGESOHLWAYO SENDLELA ENDISINIKWAYO? Ungasifaka isikhalazo sakho sendlela ngembalelwano kwisebe lezendlela laloo maspala ukohlwayayo nanini na ngaphambi kokuthunyelwa komyalelo okubizela enkundleni. Khumbula ke ukuthumela ikopi yeso sohlwayo kuloo ncwadi yembalelwano inesikhalazo sakho. iSebe elo Lezendlela nalo liya kusiphendula eso sikhalazo sakho ngembalelwano. Ukuba awanelisekanga yiloo mpendulo, ungalinda umyalelo oza kukubizela enkundleni ze uthumele isikhalazo sakho, ze uthumele isikhalazo sakho kwakhona, ngembalelwano, kwelo sebe lezendlela. Elo sebe lezendlela liya kuthi linikezele esi sikhalazo kuMtshutshisi egameni lakho. Umtshutshisi ke yena uya kufikelela kwisigqibo sokuba agwebe na okanye, meko leyo iya kuthetha ukuba ityala elo lakho lifanele ukuchotshelwa ngumantyi enkundleni, okanye alichithe. Nceda wazi ke ukuba ukufaka incwadi yembalelwano akuyi kuyilibazisa inkqubo yomthetho. Ukuba usuku lokuba uye kuvela enkundleni lufika ingekasombululeki indaba yesikhalazo sakho, ityala elo liya kuvela enkundleni lona.. KWENZEKA NTONI XA NDINGASIHLAWULI OKANYE NDINGAFAKI SIKHALAZO NGESOHLWAYO SAM SENDLELA? Ukuba akusihlawuli okanye akufaki sikhalazo ngesohlwayo sakho sendlela kwangexesha ze futhi ungaveli nasenkundleni ukya kuzithethelela, inkundla leyo iya kuthi ikhuphe umyalelo ogunyazisa ukuba ubanjwe uvalelwe kwesinomhlwa, xa kufika ixesha lokuba ityala elo liye enkundleni. NDINGASIHLAWULA PHI, NJANI ISOHLWAYO SAM SESIPHOSO SENDLELA? Bonke oomaspala bayazamkela iittsheki namaphetshana entlawulo aseposini athunyelwe ngeposi. Ukuqinisekisa ukhuseleko, imali eziinkozo yona kufuneka ihlawulwe buqu kwii-ofisi zaloo maspala. Abanye oomaspala bayazamkela iintlawulo ezenziwe nge-internet, okanye baba nazo nezixhobo zokujjonga uqinisekise imifanekiso yeziphoso zendlela kwi-internet kwanokwenza iintlawulo. Nceda ujonge iphetshana Lezohlwayo Zeziphoso Zendlela zomaspala ngamnye, ezidweliswe ngezantsi apha, ukuze ufumane eyona ndlela ifanelekileyo neyamkelekileyo yokuhlawula isholwayo sakho kwanokujonga uqinisekise imifanekiso ethatyathwe ziikhamera zesantya: oweSixeko saseKapaowaseLaingsburg owaseGeorge owaseTheewaterskloof |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |