| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Zonke iintshukumo zolwaphulo-mithetho yezendlela ezithi ezenzeka eGeorge ziphantsi kweliso leSebe Lezendlela laseGeorge.Iintshukumo zolwaphulo-mithetho yezendlela ezenzeka kwezinye iingingqi ziphantsi kweliso lesebe lezendlela laloo maspala zenzeka emhlabeni wakhe. |
IMIYALELO: |
NDINGAFUMANISA PHI UKUBA NDINAMATIKITI EZIPHOSO ZENDLELA ENDINGEKAWAHLAWULI? Unakho:
NDINGAWUJONGA NDIWUQINISEKISE PHI UMFANEKISO OTHATYATHWE YIKHAMERA YESANTYA? Ungaya kujonga uqinisekise umfanekiso othatyathwe yikhamera yesantya kwiCandelo Leenkonzo Zendlela laseGeorge elikuMgaqo iMission, ePacaltsdorp, okanye nge-Internet kwesi sikhundla www.labattraffic.com. Kuya kufuneka ke unikezele ngenombolo epheleleyo yeso siphoso ebonakala kwitikiti olithunyelweyo kwakunye nenombolo-mbhalo yesithuthi sakho. NDINGASIHLAWULA NJANI ISOHLWAYO SAM SESIPHOSO SENDLELA? Ukuba uhlawula ngaphambi kosuku lokugqibela olukhankanywe kwitikiti elo, ungasihlawula isohlwayo eso sakho ngetsheki, ngemali eziinkozo okanye ngephetshana lokwenza intlawulo laseposini ze ulithumele kwidilesi ekhankanywe kwelo tikiti.
Nceda uqwalasele ke ukuba iSebe Lezendlela laseGeorge alizamkeli ngqo iintlawulo ngosuku lokuvela enkundleni okanye emva kolu suku olukhankanywe kwitikiti elo. Ukuba uthe akwaya kuvela enkundleni ngosuku obubekelwe ukuya kuvela ngalo, tsalela umnxeba isebe lezendlela ze ufumanise ukuba wenzeni na ukusukela apho. NDINGASIHLAWULA ISOHLWAYO SESIPHOSO SAM SENDLELA KUMATSHINI WEBHANKI? Ewe. Ungalihlawula itikiti lakho lesohlwayo kwisiphoso sendlela olifumene eGeorge (eGeorge kuphela, ngaphambi kosuke lokuya kuvela enkundleni) ngokuthi usebenzise umtshini webhanki, ngaphambi kosuku lokuya kuvela enkundleni kuphela, uyithumele kule akhawunti.Umnini-akhawunti: nguMaspala waseGeorge |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
UMaspala Wengingqi yeGeorge |