| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Zonke iintshukumo zokwaphulwa kwemithetho yendlela ezithi zenzeke kuMbindi Karoo - oko ke kukuthi, eBhobhofolo, eLeeugamka naseLaingsburg - ziphantsi kolawulo lweSebe Lezendlela laseLaingsburg.Iintshukumo zokwaphulwa kwemithetho yendlela ziphantsi kolawulo lwaloo maspala zenzeke kumhaba wakhe. |
IMIYALELO: |
NDINGAFUMANISA PHI UKUBA NDINESOHLWAYO SESIPHOSO SENDLELA ENDINGEKASIHLAWULI? Tsalela iSebe Lezendlela laseLaingsburg kule nombolo yomnxeba 023 551 1890 okanye iziko Lezendlela leli Phondo kule nombolo 023 551 1021. Usenakho kanti nokuthumela I-email kule dilesi laingsburg@ddsonline.co.za ubuze loo nto ungayiqondiyo. NDINGAWUJONGA NDIWUQINISEKISE PHI UMFANEKISO OTHATYATHWE YIKHAMERA YESANTYA? Ungawujonga umfanekiso othatyathwe yikhamera yesantya ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba ngokwenene nguwe okanye sisithuthi sakho eso sikuwo kwiZiko Loluntu laseLaingsburg Multipurpose, kwikona yeMain neThird Avenue, ukusukela ngentasimbi yethoba ekuseni ukuya ngentsimbi yeshumi elinesibini emini. Ukhumbule ukuza nennombolo yeso sohlwayo oya kuyifumana kwitikiti elo. NDINGASIHLAWULA NJANI ISOHLWAYO SESIPHOSO SAM SENDLELA? Ukuba uhlawula ngaphambi kosuku olukhankanywe kwitikiti elo, ungasihlawula isohlwayo eso ngentsheki, ngemali eziinkozo okanye ngamaphetshana okwenza intlawulo aseposini kwidilesi ekhankanywe apho kuso.
Nceda ke uqwalasele ukuba izohlwayo zeziphoso zendlela ezenzeke eLaingsburg AZINAKHO TUukuhlawulwa koomatshini bebhanki iFNB, nge-EasyPay, kwisikhululo zamapolisa okanye ezinkundleni. NDINGASIHLAWULA ISOHLWAYO SESIPHOSO SAM SENDLELA KOOMATSHINI BEEBHANKI? Ewe. Ungakwazi ukuhlawula isohlwayo sakho sesiphoso sendlela kumatshini webhanki kule akhawunti: Umnini-akhawunti: nguMaspala waseLaingsburg |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
UMaspala Wengingqi yeLaingsburg |