| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
INkqubo yoNcedo loRhwebo loKhenketho lweZizwe ngeZizwe (ITMAS) inikezela ngenxalenye yembuyekezo yamashishini kumaxabiso athile enzeke kwimisebenzi ejolise ekunyuseni umgangatho wezokhenketho eMzantsi Afrika. Enye yeenjongo zale nkqubo kukukhuthaza kunye nokuncedisa iinkampani zoMzantsi Afrika ekwaziseni imveliso yazo kumazwe angaphandle ngokuthatha inxaxheba kwimiboniso eyaziwayo yezizwe ngezizwe phesheya kolwandle neyaziwa ifanelekile ekunyuseni umgangatho worhwebo lokhenketho eMzantsi Afrika. Le nkqubo ikwancedisa iinkampani ezisakhulayo ukuba zithathe inxaxheba kwi- Durban Indaba. Okona kuphambili kwimiboniso yezizwe ngezizwe phesheya kolwandle nokuya kuxhaswa kwinkqubo koku:
|
IMIYALELO: |
Xa ufuna ulwazi olunxulumene nale nkqubo, indlela emisiweyo yokuthatha inxaxheba, jonga kwi-Guidelines in Respect of the International Tourism Marketing Assistance Scheme. Amashishini anomdla kufuneka afake izicelo kwiSebe leMicimbi yeNdalo esiNgqongileyo noKhenketho ukuze abhalise kule nkqubo. Izicelo zobhaliso ziya kuvavanywa ekuqinisekiseni ukuba ziyavumelana nomgaqo omisiweyo, emva koko, amashishini lawo aya kwaziswa ukuba izicelo zawo zamkelwe na okanye azamkelwanga. Ifomu yesicelo sobhaliso ingafumaneka kwesi sikhundla soqhagamshelwano ngekhompyutha - Application for Registration to Participate in the International Tourism Marketing Assistance Scheme (ITMAS) - okanye uyicele kwiSebe leMicimbi yeNdalo esiNgqongileyo noKhenketho nakwiSebe leMicimbi yoPhuhliso loQoqosho noKhenketho eNtshona Koloni. Iifomu ezigcwalisiweyo kufuneka zibuyiselwe kule dilesi ilandelayo: Xa sele ushishino lwakho lwamkelwe kule nkqubo, kufuneka ugcwalise ifomu kwesi sikhundla soqhagamshelwano ngekhompyutha - Application for Financial Assistance for the Production and Distribution of International Tourism Marketing Materials ukuze ugqithise ibango loncediso kwinkxaso-mali. Luxanduva lwakho ukufumana ulwamkelo ngaphambi kokuzifaka kwiindleko enxulumene nale nkqubo. Ifomu egcwalisiweyo kufuneka ithunyelwe kule dilesi ichazwe ngentla. |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lemicimbi Yendalo Engqongileyo Nezotyelelo (The Government of South Africa) |