| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
ICandelo loMlawuli oyiNtloko: uPhuhliso lwezoKhenketho lunohlahlo lwabiwo-mali lwarhoqo ngonyaka ekuxhaseni ngemali iiprojekthi ezinceda ekukhuliseni ishishini lezokhenketho. Oku kukhula kungabonwa ngeendlela ezininzi ezohlukeneyo, umzekelo, ngokudaleka kwamathuba emisebenzi, uqeqesho okanye uphuhliso lwezibonelelo zomsebenzi. Imfanelo yokufumana inkxaso-mali incinci phantsi koluhlu lwezinto ezikhoyo, ezinjengeenkampani okanye ii-NGO zeCandelo 21, neziqwalasele iingingqi nezisekelwe kwimimandla yoluntu. Iinkcukacha ezigcweleyo zeenjongo zenkxaso-mali, ilungelo, indlela emisiweyo yokufumana oku, iindidi zemisebenzi ekufuneka ixhaswe ngemali, ukukhutshelwa ngaphandle, imigaqo yokwenziwa kwezicelo kunye namaphetshana ezicelo angafumaneka kwiNcwadi yoMgaqo-nkqubo weNgxowa-mali 1/1) Ukuba unqwenela ukufumana ilungelo kule nkxaso-mali, kufuneka ufezekise inani le migaqo emisiweyo. Umzekelo, inkampani yakho kufuneka iqhubekeke kwaye kuya kufuneka ukuba igqithise ingxelo yonyaka. Oku kulandelayo yimizekelo yemisebenzi enokuthi ixhaswe ngemali liSebe:
|
IMIYALELO: |
INcwadi yoMgaqo-nkqubo weNkxaso-mali inikeza lonke ulwazi olunxulumene nale ngxowa-mali ukuquka iinkcukacha ezigcweleyo zenkqubo yokwenziwa kwezicelo. Izicelo kufuneka zenziwe kumaphetshana ezicelo achaziweyo nafumaneka kwiSebe (inombolo yomnxeba: 021 483 4165). Iikopi zala maphetshana nazo zikwafumaneka njengenxenye yeNcwadi yoMgaqo-nkqubo weNkxaso-mali. Izicelo kunyaka ngamnye zivalwa ngomhla wama-31 kweyeKhala, uvavanyo lwenziwa ngenyanga yeThupha neyoMsintsi ze iminikelo yaziswe kweyeDwarha kwakulo nyaka mnye. |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
iCandelo Lophuhliso Lwezokhenketho (Department of Economic Development and Tourism, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |