Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Inkxaso-mali esuka kwiNkqubo yoDanjiso lweNdlala
INKCAZELO:
Inkqubo yokudanjiswa kwendlala yasekwa ngurhulumente ekunciphiseni indlala eMzantsi Afrika. Icandelo lezokhenketho kwiSebe leMicimbi yeNdalo esiNgqongileyo noKhenketho lwabelwa ingxowa-mali yokuxhasa iiprojekthi eziluhlobo oluthile lwezokhenketho. Le ngxowa-mali ijolise:
  • ekudaleni imisebenzi kuphuhliso lwezibonelelo zomsebenzi kwezokhenketho
  • ekuphuhliseni imveliso entsha kwezokhenketho
  • ekunikezeleni uqeqesho nolwakhiwo lwezikhundla
  • ekuqinisekiseni ukuba ezi projekthi ziyagcinakala ixesha elide.
Kuphela ziiprojekthi ezisekelwe kuluntu kwimimandla nezingezizo ezomntu ngamnye ezinokuthi zifumane inzuzo kule ngxowa-mali. Kuphela ziitrasti zoluntu kwimimandla okanye iinkampani zeCandelo 21 ezimelwe ngokwaneleyo kwimimandla eziya kuthi ziqwalaselwe ekufumaneni le nkxaso-mali.
IMIYALELO:
Iinkcukacha ezigcweleyo zendlela emisiweyo yokhetho kule nkxaso-mali kunye nezicelo neenkqubo zovavanyo ziyafumaneka kule ncwadi, yeeNkqubo zeNkxaso kumaShishini ezoKhenketho, nepapashwe liSebe leMicimbi yeNdalo esiNgqongileyo noKhenketho kunye neSebe loRhwebo noShishino. Xa ufuna iinkcukacha ezingezinye, qhagamshelana no-:
Mahandra Naidoo
Inombolo yefowuni: 012 310 3846
Ifeksi: 012 320 4740
mnaidoo@ozone.pwv.gov.za
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lemicimbi Yendalo Engqongileyo Nezotyelelo (The Government of South Africa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 24 uDisemba 2003
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo