Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Isicelo seNkxaso kwiYunithi yoShishino lwezoKhenketho kwiQumrhu loPhuhliso loShishino
INKCAZELO:
IYunithi yoShishino lwezoKhenketho yeQumrhu loPhuhliso loShishino (IDC) ixhasa ngemali inkcitho yekapitali kumashishini okhenketho. Le mali iqwalasele kumashishini anikeza iindawo zokuhlala kubakhenkethi abanyanisekileyo kodwa ikwanabela nakwezinye iiprojekthi zokhenketho ezinekapitali enkulu ngenjongo yokuba nempembelelo enkulu ekukhuleni korhwebo lwezokhenketho.

Indlela emisiweyo yokukhetha kukuba:

  • Iiprojekthi kufuneka zibe nokuphila ngokwezoqoqosho.
  • Ixabiso lemali-mboleko ye-IDC kufuneka ibengaphezulu kwe-R1 million.
  • Igalelo lomnini kufuneka ubuncinci libe ngamashumi amane ekhulwini (40%) kwixabiso leprojekthi lilonke elifunekayo. Oku kungancitshiswa kube ngamashumi amabini ekhulwini (20%) kwiiprojekthi.

Uninzi lweeprojekthi ezohlukeneyo ziba nelungelo lokufumana inkxaso-mali kwaye zininzi izibonelelo ezikhoyo zemali.
IMIYALELO:
Isicelo senziwa ngokugqithisa isicwangciso soshishino esibonisa iprojekthi eza kwenziwa kwakunye neemfuno zayo zemali. Isicwangciso soshishino kufuneka siqulathe ulwazi olwaneleyo malunga nomenzi wesicelo, iprojekthi, ixabiso, isicwangciso sorhwebo, ingqesho kwakunye nohlahlo lwabiwo-mali lweminyaka emihlanu ubuncinane ekwenzeni lula ukuba i-IDC ivavanye imfaneleko yolu shishino. Xa ufuna ulwazi olongeziweyo, qhagamshelana no-
Katinka Schumann- Bester
Inombolo yefowuni: 011 269 3509
Ifeksi: 011 269 3709
benn@idc.co.za
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
IQumrhu loPhuhliso lweMizi-mveliso yoMzantsi Afrika
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 19 uFebruwari 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo