Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukufaka Isicelo seSiqinisekiso Sokuzalwa
INKCAZELO:
Iphetshana elisisiqinisekiso sokuzalwa linikezelwa xa umntwana ebhalisiwe kuMbuso wezwe. Liqulethe iinkcukacha zomntwana yaye liyafuneka njengesiqinisekiso sokuzazisa.

Ukuba ulilahlile iphetshana lisisiqinisekiso sokuzalwa kwakho okanye ufuna elinye, ungafaka isicelo kweyona ofisi ikufutshane nawe yeSebe Lemicimbi yeKhaya. Okanye ukuba ungaphandle kwemida yeli, unokufaka isicelo kumzi omele uMzantsi Afrika okanye umzi wozakuzo woMzantsi Afrika.

Unokufaka isicelo sesiqinisekiso esifinyeziweyo okanye esigcweleyo.
IMIYALELO:
Kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo u-BI-154 ngosiba olumnyama ze ulifake.

Iphetshana elifinyeziweyo elisisiqinisekiso sokuzalwa linganikezelwa kwangolo suku lwesicelo yaye liyakuxabisa i-R10.

Ukulungiswa kwesicelo sesiqinisekiso sokuzalwa esigcweleyo kuthatha malunga neeveki ezintathu ukuya kwezisibhozo. Oku kuxabisa i-R45.
IFUMANEKA KWI:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lemicimbi Yekhaya (The Government of South Africa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 26 uNovemba 2007
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo