| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Kufuneka ubhalise ukuzalwa komntwana wakho emva nje kweentsuku ezingamashumi amathathu kwenzikile oko.Xa ubhalisa umntwana, uya kufumana isiqinisekiso sokuzalwa esishwankathelweyo simahla. Ukuba utshatile, umntwana uya kubhaliswa ngegama likayise. Kodwa ke, ukuba akutshatanga, umntwana angabhaliswa ngegama likayise okanye likanina. Ukuba akumbhalisi umntwaa wakho kwiintsuku nje ezingamashumi amathathu ezelwe, kuya kufuneka unikezele ngezinye iinkcukacha ukuze umbhalise:
|
IMIYALELO: |
UKUMBHALISA KWIINTSUKU NJE EZINGAMASHUMI AMATHATHU EZELWE Ukuze ubhalise umntwana wakho, kufuneka ugcwalise iphetshana lokubhaliswa kokuzalwa komntwana elingu-BI-24 ze ulingenise kweyona ofisi yeSebe Lemicimbi Yekhaya ikufutshane nawe. Eli phetshana liqulethe inkcazo ngomntwana lowo (isini, njalo-njalo) kwakunye negama nefani yomntwana. Abazali kufuneka beze neencwadana zabo zezazisi ndawonye nesiqinisekiso sasesibhedlele okanye ikhadi laseklinikhi lomntwana. UKUMBHALISA EMVA KWAMASHUMI AMATHATHU EENTSUKU, KODWA NGAPHAMBI KOKUPHELA KONYAKA Ukuba akukhange ukubhalise ukuzalwa komntwana wakho kwiintsuku ezingamashumi amathathu zokuqala ezelwe umntwana, kodwa umntwana usengaphantsi konyaka ubudala, kufuneka ugcwalise ipetshana lokubhaliswa komntwana u-BI-24, ze ucacise futhi ukuba kutheni ungazange ukubhalise ukuzalwa komntwana wakho kwiintsuku nje ezingamashumi amathathu ezelwe umntwana lowo. UKUMBHALISA EMVA KONYAKA, KODWA NGAPHAMBI KWESHUMI ELINESIHLANU LEMINYAKA Ukuba umntwana ungaphezulu konyaka kodwa usengaphantsi kweshumi elinesihlanu leminyaka, kufuneka ugcwalise iphetshana lokubhaliswa kokuzalwa kwakhe u-BI-24/1 ze ulingenise ndawonye nezizathu ezibhaliweyo ezichaza ukuba kutheni engazange abhaliswe kwiintsuku zokuqala ezingamashumi amathathu ezelwe nje. Uya kudinga:
kunye
UKUMBHALISA EMVA KWESHUMI ELINESIHLANU LEMINYAKA EZELWE Ukuba ungaphezu kweshumi elinesihlanu leminyaka ubudala futhi awuzange ubhaliswe emva kokuzalwa, isicelo sokubhaliswa kokuzalwa kwakho kufuneka sikhaphe isicelo sakho seNcwadana Yesazisi. Kufuneka ungenise iphetshana lesicelo u-BI-24/15 ndawonye no-BI-9 (oliphetshana lokufaka isicelo sencwadana yesazisi). Uya kudinga:
kunye
ABANTWANA ABAZALELWE NGAPHANDLE KWEMIDA YOMZANTSI AFRIKA Ukuba umntwana wakho uzelelwe ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika kodwa omnye wabazali abe engummi woMzantsi Afrika, ungatyelela iziko loonozaku-zaku okanye labathunywa boMzantsi Afrika elikwelo lizwe ukuze ubhalise ukuzalwa komntwana lowo. Kuya kufuneka ugcwalise iphetshana lokubhaliswa kokuzalwa komntwana (u-BI-24, u-BI-24/1 okanye u-BI-24/15) ze ulingenise ndawonye:
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, tyelela iwebsite yeSebe Lemicimbi Yekhaya okanye uqhagamshelane neyona ofisi yeSebe Lemicimbi Yekhaya ikufutshane nawe. Akukho ntlawulo idingekayo xa ubhalisa ukuzalwa komntwana. |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lemicimbi Yekhaya (The Government of South Africa) |
Kufuneka ubhalise ukuzalwa komntwana wakho emva nje kweentsuku ezingamashumi amathathu kwenzikile oko.