Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
IiNkonzo zeMvelo yaBantu (Iziphene zokuzalwa)
INKCAZELO:
Kucingeleka ukuba abantwana abali-150000 abazalwayo ngonyaka emZantsi Afrika bachatshazelwa ziziphene zokuzalwa kwezona ndawo zibalulekileyo okanye iziphazamiso zemvelo ngethuba beneminyaka emihlanu.

ISebe lesiZwe lezeMpilo ligxile kwiimeko ezilishumi nezineemeko ezixhaphakileyo ezizezi:


  • Ukungabinasidali-bala eluswini okanye elufeleni (ubunkawu)

  • Isigulo sokuba neempawu ezibonisa okungalunganga emzimbeni nangokwengqondo

  • Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala (i-FAS ngamafutshane kwisiNgesi)

  • Iziphene kumbhobho wemithambo-luvo (i-spina bifida ngesiNgesi).

INtshona Kapa ikwagxile kwezi zilandelayo (ngaphandle kobunkawu, obunamanani aphantsi), nokuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana ngenxa yokusetyenziswa kotywala njengesona siphene siphambili kuluhlu.

Le nkonzo ijonge ekuthinteleni abantwana bangazalwa benezi ziphene ngokunikezela ngeengcebiso ngezemvelo ezifanelekileyo maxa onke, kubantu abasebungozini nakwizibini ezitshatileyo. Ukuze kwenzeke oku, aba bantu kufuneka bachongwe kuqala. Basenokufunyanwa ngeenkonzo ezikhoyo ezikliniki apho baya kuthunyelwa ukusuka khona kwiinkonzo ezizodwa zemvelo ngokusebenzisa iinkqubo ezisezilalini nakumaziko aphezulu eKapa. Basenokuchongwa ngeenkqubo ezikhoyo kwiikliniki apho baya kuthunyelwa khona kwiinkonzo ezizodwa zemvelo ezinikezelwa ngeenkqubo eziqhutywa ngaphandle ezilalini nakumaziko akwinqanaba eliphezulu eKapa.

IMIYALELO:
Nabani na ochaphazelekayo okanye onelungu losapho elichaphazelekayo, okanye oxhalabileyo ziziphene zemvelo ezinokubakho, angaya kwikliniki yonyango. Uya kuthunyelwa ukusuka apho.
IFUMANEKA KWI:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uFebruwari 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo