Cape Gateway
Afrikaans | isiXhosa | About | Contact | Help | Advanced Search  |
 
HOW TO TENDER
UNGAYIGCWALISA NJANI ITHENDA OKANYE ISICELO SOKWENZA UMSEBENZI?

Isibhengezo sethenda okanye sesicelo sokwenza umsebenzi ngalunye sichaza ukuba ungazilanda phi iimpepha oya kuzidinga ze uzigcwalise ungenise ithenda yakho, nalapho kufuneka ingeniswe khona. Isibhxhoezo eso sikwachaza nosuku lokuvalwa kweethenda. Eli xesha lokuvalwa liluqilima kakhulu - oko ke kukuthi akukho zithenda zifika emva kwexesha ziya kwamkelwa.

Ithenda okanye isicelo sokwenza umsebenzi kufuneka zibe zibhalwe phantsi. Ithenda nganye inothotho lwamaphetshana ezicelo, afanele oko ekufuneka ekhaphe ithenda oyingenisayo. Amaphetshana ezicelo aqingqiweyo owadingayo xa usenza ithenda kufuneka adweliswe kuluhlu kwiimpepha zethenda. Kufuneka uyiqwalasele ngononophelo olukhulu indlela owagcwalisa ngayo la maphetshana. Fumana ingcebiso ukuba kukho nantoni na ongaqinisekanga ngayo.

Xa sele uwagcwalisile ze wawatyikitya onke amaphetshana ezicelo, faka ithenda yakho kwimvulophu enenombolo yethenda leyo ze uyithumele ngaphambi komhla wokuvalwa kwindawo echazwe kwisibhxhoezo saoo thenda.

AMAPHETSHANA EZICELO ZETHENDA OKANYE ISICELO SOKWENZA UMSEENZI

Amaphetshana Ezicelo Zeethenda Zesizwe Nezamaphondo kwaneeMpepha Zezicelo Zokwenza Imisebenzi

Ithenda okanye isicelo sokwenza umsebenzi ngasinye sinothotho lwamaphetshana ezicelo afanele oko, ekufuneka ekhaphe ithenda oyingenisayo. Ezi ke zazisakwaziwa 'njxhoamaphetshana ezicelo zeethenda' yaye ngoku aziwa njxhoeempepha zezicelo zokwenza imisebenzi'. Ezi mpepha zezezi zicelo zinesimaphambili u-SBD kwiimpepha zezicelo zesizwe nezamaphondo ngokulandelelana kwazo.

(Ngapmbili, kwinqanaba lesizwe, amaphetshana ezicelo zeethenda ayesakuba nesimaphambili u-"ST" (esimele u-"state tender"), ngelixa eNtshona Koloni ayenesimaphambili u-"KST" (esimele u-"Kaap state tender"). Usenakho ukuwafumana onke loo maphetshana ezicelo zeethenda anesimaphambili u-'ST' apha. )

La maphetshana aqhele ukufuna kwiithenda zesizwe nezamaphondo (ngaphandle kweethenda zolwakhiwo zamaphondo) oku kulandelayo:

  1. Isicelo sokwenza umsebenzi iSBD1/WCBD1 (zilingana nee-ST okanye nee-KST 8). Kweli phepha uvuma ekubeni ubophelelekile kwimigaqo nemiqathango yethenda ibid leyo.
  2. Iimfuno Zokuhlanjululwa Kworhafu SBD2 / WCBD 2 (ezilingana nendala iST5 okanye iKST5). Iirhafu zakho kufuneka zibe zihlawulwe ukuze uphumelele kwithenda okanye ibid yakho. Eli phepha 'linephetshana lesicelo sesiqinisekiso sokuhlanjululwa kulwaphulo-mthetho lokungayihlawuli irhafu' elincanyathiselwe kulo. Kufuneka uligcwalise eli phetshana ze ulifake kweyona ofisi yeeNkonzo zxhoeniso zoMzantsi Xhoika (SARS) ikufutshane nawe, ukuze ufumane isiqinisekiso sokuhlanjululwa ekungayihlawulini irhafu. Kufuneka ke ngoku uncamathisele undoqo wesi siqinisekiso usifumana kwiSARS, kwiimpepha zethenda okanye zesicelo eso. Esi siqinisekiso sisebenza njxhoobungqina bokuba awukho semva ngeentlawulo zakho zerhafu.
  3. Ixabiso kwanokuzithethela SBD/WCBD 3.1 or 3.2 or 3.3 (ezilingana nezindala iiST /KST 7's). Ukuba ugcwalisa eliphi kula maphetshana ezicelo kuxhomekeka kumba wethenda leyo. Kweli phetshana, uthethela ixabiso lakho, ngokuchaza imveliso oza kunikezela ngayo okanye amava omntu oza kunikezela ngaloo nkonzo. Eli phetshana lisoloko lilungiselelwa ukuba lifanele loo thenda, ngoko ke jonga ukuba yeyiphi ekuza kufuneka uyigcwalisile, ngononophelo.
  4. Ukuchazwa Komdla SBD4 / WCBD4 (ezilingana namaphetshana ezicelo amadala e-ST okanye awe-KST 12). Eli liphepha ochaza kulo ukuba unabo ubudlelane kusini (umhlobo, ilungu losapho, okanye ubudlelane ngezoshishino) nabani na osebenza kurhulumente. Oku kukwenzela ukuba abo bantu unobudlelane nabo bangabandakanyeki nangaluphi na uhlobo ekunikezelweni kwaloo thenda ukuzama ukunqanda urhwaphilizo.
  5. INkqubo Yokuthatha Inxaxheba Kwezoshishino SBD5 /WCBD5. Nasiphi na isivumelwano sembophelelo yethenda esilingana nexabiso lenkonzo okanye imveliso ethunyelwe kweli lizwe ngentxhoiso esilingana okanye esingaphezu kwe-US$ 10 lezigidi sinesibophelelo sokuthabatha inxaxheba kushishino ekufuneka sishukuxiwe kwithenda leyo.
  6. Isiqinisekiso Sokubekwa phambili SBD-WCBD 6.1 (ezilingana nezindala iiSt/KST 11.1). Kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo iSBD 6.1 kwiithenda zamaphondo nokuba sele ungabangi nawaphi na amanqaku okubekwa ngaphambili, kufuneka uwagcwalise loo maphepha. Ukuba ubanga amanqaku okubekwa ngaphambili kufuneka ugcwalise loo maphepha ali-12 zeSBD /WCBD 6.1-6.12 ezalamana neentlobo zamanqaku owabangayo (awesizwe nawamaphondo) njxhooko kucacisiwe ngaphezulu apha.
  7. Iphetshana lesicelo sesivumelwano iSBD/WCBD 7.1 okanye 7.2 okanye 7.3. Esi sisivumelwano sibophelela umboneleli nombonelelwa ngeenkonzo xa kunokuthi ithenda le iphunyezwe. Iphetshana lesicelo leentxhoiso lahlukile (7.1, leenkonzo 7.2 okanye iintxhoiso 7.3)

Kusenokubakho amanye amaphetshana ezicelo ekufuneka egcwalisiwe kwithenda okanye isicelo sokwenza loo msebenzi Ezi kufuneka zibandakanywe kumaphepha ethenda okanye esicelo osifumanayo. Kusenjalo, ipasile yethenda okanye yesicelo sokwenza umsebenzi esiqhelekileyo iya kuba nala maphepha:

Iimeko eziphangaleleyo zesivumelwano-mbophelelo

Iimeko eziphangaleleyo zesivumelwano-mbophelelo - Isihlomelo A - GCC (esilingana nala ST / KST 36 yakudala). Oku kumema inyameko eyodwa kwiimeko ezithile ezikho kwizibhengezo zokwenza loo misebenzi ithile, izivumelwano-mbophelelo kwanemiyalelo karhulumente; yaye kuqinisekisa ukuba abathengi bayaqhelana namalungelo nezibophelelo zabo bonke abachaphazeleka ekushishineni norhulumente.

Amaphetshana ezicelo Zokwakha kwiPhondo leNtshona Koloni

Kwiithenda ezinento yokwenza nokwakhiwa kwiphondo amaphetshana ezicelo zethenda aqhelekileyo anokwahluka kancinci: amaphetshana ezicelo zesicelo "sokwenza umsebenzi" amatsha ase kwinkqubo yokwakhiwa ngonyaka ka-2004:

  • Ukuvezwa Komdla iDPW.1E. Eli lithatha indawo yephetshana uKST8.
  • Imiqathango ethe gabalala ngeethenda zokwakhiwa iDPW6
  • Iinkcukacha ezangeziweyo
  • Ukuvezwa Komdla DPW.57E. Eli lithatha indawo yephetshana uKST12.
  • Iinkcukacha zezimali iDPW.59E
  • Isicelo sesiqinisekiso sokuhlanjululwa ekungahlawulini rhafu KST5 or iWCBD2.
  • Isiqinisekiso sokubekwa phambili uKST11 okanye uWCBD6.1.

Kwakhona, kusenokubakho amanye amaphetashana ezicelo ekufuneka uwagcwalisile, aya kubandakanywa kumaphepha ethenda.

Amaphetshana ezicelo zeethenda okanye zesicelo sokwenza loo msebenzi karhulumente wedolophu

Kumgangatho wedolophu, ibhunga ngalinye linokuba namaphetshana alo ezicelo, ekufuneka ubuze ngawo ngqo.

INDLELA EZINIKEZELWA NGAYO IITHENDA OKANYE IZICELO ZOKWENZA IMISEBENZI

Iphepha iSBD / WCBD 6.1 licacisa indlela ekuthathwa ngayo izigqibo ngeethenda okanye Izicelo zokwenza imisebenzi. I-WCBD ithi:

  • Umntu okanye inkampani ethatha inxaxheba kukhuphiswano lwethenda ze ifumane awona manqaku maninzi uya kunikwa loo thenda.
  • Amanqaku okubekwa phambili abalwa emva kokuba amaxabiso ethelekisiwe.
  • Amanqaku afakiweyo aya kusondezwa kwiindawo ezimbini ezisondeleleneyo.
  • Kwimeko apho kufakwe amanqaku afanayo, isicelo sokwenza loo msebenzi siya kunikezelwa kumntu okanye inkampani efumana awona manqaku maninzi kumanqaku aqingqiweyo.

Okuthethwa koku ngokuphandle, koku kulandelayo: Emva kosuku lokuvalwa, kwenziwa uphendlo kuzo zonke iithenda ezifakiweyo ukubona ukuba ziyazihlonela izidingo ezisesikweni. Umzekelo, ukuba akulichazanga ixabiso, ithenda yakho iya kulahlelwa ngaphandle.

Iimpazamo okanye ukushiya izinto ebekufuneka uzenzile okanye uzifakile ezincinci aziyi kukhokelela ekukhutshelweni kwakho ngaphandle kwinkqubo yethenda; lo ngumbuzo wokutolikwa kwemithetho yeethenda. Umzekelo, ukuba imithetho ithi "ungakhuthelwa ngaphandle" endaweni yokuba ithi "kufuneka ukhutshelwe ngaphandle" ngempazamo ethile, kuxhomekeke kwigosa elenza olo phendlo ukuthatha isigqibo sokuba loo mpazamo ibaluleke kuloo thenda kangangokuba lingakukhuphela ngaphandle kwale nkqubo.

Inqanaba elilandelayo lijonga ukuba imveliso okanye inkonzo leyo iyayithobela imithetho yale thenda, nexabiso. Ezo zingayithobeliyo imithetho ziyakhutshwa kuluhlu olo, ngelixa zonke eziyithobelayo imithetho zidweliswa ngokwamaxabiso. Ezo ziwa kwiqela elinawona maxabiso aphantsi aqwalaselwa kuluhlu kwiqela lawona maxabiso aphantsi.

Kukweli nqanaba ke apho amanqaku okubekwa phambili aqala khona ukubala. Onke amanqaku okubekwa phambili afakelwe ibango ngabo bakuluhlu lweqela leethenda ezinawona maxabiso aphantsi. Indlela yesiqhelo iyenziwa ukubona ukuba ngoobani kwinqanaba elinawona maxabiso aphantsi abanamanqaku aqinisekisekayo abaphuma nezona ziphumo zintle ngokwamanqaku, futhi ngubani ke omakanikwe loo thenda.

Ngamanye amazwi, amanqaku okubekwa phambili asebenza kuphela emva kokuba ezona thenda zibiza imali enkulu zikhutshiwe kuluhlu. Oku kukuqinisekisa ukuba ezona thenda zibiza kakhulu aziphumeleli ngamanqaku kuphela, kwanokukhawulezisa inkqubo le njxhooko abo bakuluhlu lwawona maxabiso aphantsi benamanqaku asele eqinisekisiwe.

I-Bulletin yeeThenda ibonisa ukuba iithenda ezingaphambili ziphunyelelwe ngubani, idwelisa ixabiso neminye imiba ethathelwe ingqalelo xa bekunikezlwa ngethenda.
The content on this page was last updated on 19 July 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government Western Cape: A Home For All logo