Cape Gateway
Afrikaans | isiXhosa | About | Contact | Help | Advanced Search  |
 
Izohlwayo Zeziphoso Zendlela: ezikaMaspala waseTheewaterskloof
DESCRIPTION:
Zonke iintshukumo zokwaphulwa kwemithetho tezendlela ezenzeke eGrabouw, eCaledon/eMiddleton, eBotrivier, eRiviersonderend, eVilliersdorp, eGreyton naseGenadenda ziphantsi kweliso leSebe Lezendlela laseTheewaterskloof. Eli Sebe likwalawula izoholwayo zeziphoso zendlela ezenzeke kuhola u-N2 okwiindawo ezithile zale ngingqi.Iintshukumo zokwaphulwa kwemithetho yezendlela ezenzeke kwezinye iingingqi ziphantsi kweliso laloo maspala zenzeke kumhlaba wakhe.
INSTRUCTIONS:
  1. Ndingafumanisa phi ukuba ndinamatikiti eziphoso zendlela endingekawahlawuli?
  2. Ndingayijonga ndiyiqinisekise phi imifanekiso ethatyathwe ziikhamera zesantya?
  3. Ndingasihlawula njani isohlwayo sam sesiphoso sendlela?
  4. Ndingasihlawula na isohlwayo sesiphoso sendlela koomatshini beebhanki?

NDINGAFUMANISA PHI UKUBA NDINAMATIKITI EZIPHOSO ZENDLELA ENDINGEKAWAHLAWULI?

Unganakho:

  • Ukutsalela umnxeba iSebe Lezendlela laseTheewaterskloof kule nombolo 021 859 1555 (ext 11, 18 okanye 23)
  • I-email grabouw@ddsonline.co.za, okanye
  • Tyelela eli sebe kwikona yeZitalato iRyke neWorchester, eGrabouw.

NDINGAYIJONGA NDIYIQINISEKISE PHI IMIFANEKISO ETHATYATHWE ZIIKHAMERA ZESANTYA?

Imifanekiso ethatyathwe ziikhamera zesantya zikho kuzo zonke izaziso zokuqala nezesibini iSebe Lezendlela laseTheewaterskloof elizithumelayo. Nceda uqwalaselisise ukuba sisithuthi sakho ngeokwenene na esikuloo mfanekiso.

Usenakho kanti ukujonga umfanekiso othatyathwe yikhamera yesantya kwiSebe Lezendlela laseTheewaterskloof elilkwiSitalato iRyke, eGrabouw, okanye ke ezi zilandelayo (021) 859 1555 (ext 11, 18 okanye 23) ukuze ube nokufaka isicelo sokuthunyelwa umfanekiso lowo.

NDINGASIHLAWULA NJANI ISOHLWAYO SAM SESIPHOSO SENDLELA?

Ukuba uthi uhlawule ngaphambi kosuku olukhankanyiweyo, ungasihlawula isohlwayo sakho sesiphoso sendlela ngetsheki, okanye ngamaphetshana eentlawyulo aseposini kwidilesi ekhankanywe kwitikiti elo lakho.

  • Iitsheki nala maphetshana okuhlawula aseposini kufuneka abhaliswe ngoMaspala waseTheewaterskloof.
  • Le ntlawulo ke ingenziwa ngokuthi umntu aye buqu kweli sebe okanye (fumana idilesi kwisikhundla Esinamasebe Ezendlela ooMaspala) okanye ithunyelwe ngeposi kule dilesi: P O Box 532, eGrabouw, 7160.
  • Ngenxa yenqanaba lobuqhetseba nobusela kwiCandelo le-Ofisi Yeposi, umntu uyakhuthazwa ukuba ayise ngokwakhe nbuqu loo ntlawulo kweli sebe.

Nceda uqwalasele ke ukuba izohlwayo zeziphoso zendlela zaseTheeeewaterskloof AZINAKHO TU ukuhlawulwa koomatshini bebhanki iFNB, nge-EasyPay, kwizikhululo zamapolisa okanye ezinkundleni.

INGABA NDINGASIHLAWULA ISOHLWAYO SESIPHOSO SAM SENDLELA NGE-INTERNET NAKOOMATSHINI BEEBHANKI?

Ewe. Usenakho kanti nokusihlawula esi sohlwayo sakho ngomatshini webhanki kule akhawunti:

Umnini-akhawunti: uMaspala waseTheewaterskloof
iBhanki: ABSA
Inombolo Yesebe: 632005
Inombolo Ye-akhawunti: 4059155676

Nceda ukhankanye inombolo yeso sohlwayo sakho xa usenza le ntlawulo ze uthumele ubungqina book ngefeksi kule nombolo (021) 859 5320.
PROVIDED AT:
These facility categories:
PROVIDED BY:
GOVERNMENT BODY:
Theewaterskloof Local Municipality
The content on this page was last updated on 6 April 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo Cape Gateway is a government service aimed primarily at citizens of the Western Cape, providing information on local, provincial and national government Western Cape: A Home For All logo